Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 10:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Khanize kundincedisa siyihlasele iGibheyon, kuba amaGibheyon enze uxolo noYoshuwa namaSirayeli.”

5. Zasuka ke ezi kumkani zintlanu zama-Amori – eyaseJerusalem neyaseHebron, eyaseYamuti neyaseLakishe kunye neyase-Eglon – zahlanganyela iGibheyon, zayihlasela.

6. Amadoda aseGibheyon athumela isigidimi kuYoshuwa esikhululweni eGiligali, esithi: “Nceda ungasiyekeli thina zicaka zakho. Khawuleza uze kusinceda usisindise, kuba iinkosi zonke zama-Amori asezintabeni zisihlanganyele; ziyasihlasela.”

7. Wesuka kwangoko eGiligali uYoshuwa namagorha onke omkhosi wakhe.

8. Waza *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uze ungaboyiki. Sendibanikele esandleni sakho. Akukho nanye kwezo kumkani enokumelana nawe.”

9. UYoshuwa nomkhosi wakhe wahamba ubusuku bonke ukusuka eGiligali besiya eGibheyon, bafika bawaqubula ama-Amori.

10. UNdikhoyo wawenza adideka ama-Amori ukufika komkhosi wamaSirayeli. AmaSirayeli abaswantsulisa eGibheyon, abasukela ukunyuka inkalo yaseBhete-horon ukubheka eAzeka naseMakeda.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 10