Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 10:29-43 Ibhayibhile (XHO96)

29. Ukusuka kwabo eMakeda uYoshuwa nawo onke amaSirayeli badlulela eLibhena, nayo bayihlasela.

30. Nalapho *uNdikhoyo wasinikela isixeko nokumkani waso ezandleni zamaSirayeli. Abulala wonke ubani apho, akashiya mntu. Nalapho kukumkani uYoshuwa wenza eso saseJeriko.

31. Basuka eLibhena ooYoshuwa, baya eLakishe, bayingqinga, bayihlasela.

32. UNdikhoyo wayinikezela iLakishe ezandleni zamaSirayeli, waza uYoshuwa wangena kuyo ngosuku lwesibini. Isixeko nabo bonke abakuso wasitshabalalisa njengoko wênjenjalo eLibhena.

33. Kweza ukumkani uHoram waseGezere, ezokunceda amaLakishe, wachithwa kunye nomkhosi wakhe, babulawa bonke, akwasala nempunde le.

34. UYoshuwa nomkhosi wakhe basuka eLakishe baya e-Eglon, bafika bayingqinga, bayihlasela.

35. Bayoyisa kwangaloo mini, babulala wonke umntu apho, baxelisa eLakishe.

36. UYoshuwa namaSirayeli onke bemka eLakishe, baya eHebron, bafika bayihlasela

37. bayoyisa kwangaloo mini. Babulala ukumkani walapho, nabantu bonke beso sixeko, kwakunye nabeelali ezimelene naso. Wathi masitshatyalaliswe eso sixeko uYoshuwa, kanye njenge-Eglon. Akuzange kusinde mntu apho.

38. Baphethuka apho, babheka eDebhiri. Bafika bayihlasela,

39. bayoyisa, kunye nokumkani wayo, neelali ezimelene nayo. Kwatshatyalaliswa ukumkani naye wonke umntu owayelapho, akwasala namnye. Nalapho wenza kwaesaseLibhena nesaseHebron.

40. UYoshuwa wabatshabalalisa bonke abemi belo zwe. Abantu ababemi kweleentaba, emathambekeni ngasempumalanga, kumazants' eentaba zasentshona, kwakunye nabo babemi kwimimandla yentlango ngasemazantsi, neekumkani zabo bonke. Wayethatha phambi konyawo atshayele yonke into ephefumlayo, ngokomyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

41. Waloyisa ukusukela eKadeshe-bhaneya emazantsi, kuse eGaza ngaselwandle, nawo wonke ummandla waseGeshon, kuse eGibheyon emantla.

42. Le mimandla yonke uYoshuwa wayoyisa ephume umkhosi isihlandlo sasinye, kuba kaloku wayesilwelwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

43. Babuyela kwasesikhululweni eGiligali ooYoshuwa nomkhosi wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 10