Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 10:25-42 Ibhayibhile (XHO96)

25. wathi ke uYoshuwa: “Nize ningoyiki ninkwantye! Yomelelani nikhaliphe! Yiyo le into aza kuyenza uNdikhoyo kuzo zonke iintshaba zenu enilwa nazo.”

26. UYoshuwa wazixabela ke ezo zikumkani, wathi mazixhonywe emithini emihlanu. Zajinga apho ke kwada kwaba ngorhatya.

27. Kwathi ngongcwalazi uYoshuwa wayalela ukuba zithulwe izidumbu zazo. Zaphoswa kwakuloo mqolomba bezizimele kuwo, kwavalwa ngamatye amakhulu apho. Aselapho unanamhla.

28. Kwangaloo mini uYoshuwa wahlasela iMakeda, wayithimba kwakunye nekumkani valapho. Kwabulawa wonke ubani kweso sixeko, akwasala namnye. Kwikumkani yaseMakeda wenza kwalaa nto wayeyenze kukumkani waseJeriko.

29. Ukusuka kwabo eMakeda uYoshuwa nawo onke amaSirayeli badlulela eLibhena, nayo bayihlasela.

30. Nalapho *uNdikhoyo wasinikela isixeko nokumkani waso ezandleni zamaSirayeli. Abulala wonke ubani apho, akashiya mntu. Nalapho kukumkani uYoshuwa wenza eso saseJeriko.

31. Basuka eLibhena ooYoshuwa, baya eLakishe, bayingqinga, bayihlasela.

32. UNdikhoyo wayinikezela iLakishe ezandleni zamaSirayeli, waza uYoshuwa wangena kuyo ngosuku lwesibini. Isixeko nabo bonke abakuso wasitshabalalisa njengoko wênjenjalo eLibhena.

33. Kweza ukumkani uHoram waseGezere, ezokunceda amaLakishe, wachithwa kunye nomkhosi wakhe, babulawa bonke, akwasala nempunde le.

34. UYoshuwa nomkhosi wakhe basuka eLakishe baya e-Eglon, bafika bayingqinga, bayihlasela.

35. Bayoyisa kwangaloo mini, babulala wonke umntu apho, baxelisa eLakishe.

36. UYoshuwa namaSirayeli onke bemka eLakishe, baya eHebron, bafika bayihlasela

37. bayoyisa kwangaloo mini. Babulala ukumkani walapho, nabantu bonke beso sixeko, kwakunye nabeelali ezimelene naso. Wathi masitshatyalaliswe eso sixeko uYoshuwa, kanye njenge-Eglon. Akuzange kusinde mntu apho.

38. Baphethuka apho, babheka eDebhiri. Bafika bayihlasela,

39. bayoyisa, kunye nokumkani wayo, neelali ezimelene nayo. Kwatshatyalaliswa ukumkani naye wonke umntu owayelapho, akwasala namnye. Nalapho wenza kwaesaseLibhena nesaseHebron.

40. UYoshuwa wabatshabalalisa bonke abemi belo zwe. Abantu ababemi kweleentaba, emathambekeni ngasempumalanga, kumazants' eentaba zasentshona, kwakunye nabo babemi kwimimandla yentlango ngasemazantsi, neekumkani zabo bonke. Wayethatha phambi konyawo atshayele yonke into ephefumlayo, ngokomyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

41. Waloyisa ukusukela eKadeshe-bhaneya emazantsi, kuse eGaza ngaselwandle, nawo wonke ummandla waseGeshon, kuse eGibheyon emantla.

42. Le mimandla yonke uYoshuwa wayoyisa ephume umkhosi isihlandlo sasinye, kuba kaloku wayesilwelwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 10