Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 10:18-26 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wathi: “Qengqelani amatye amakhulu, nivale ngawo umlomo womqolomba, nize nishiye amadoda okulinda.

19. Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.”

20. Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda.

21. Abuya onke amadoda omkhosi kaYoshuwa, ehamba ngoxolo, aya esikhululweni esasiseMakeda, kungekho nto inokuwaphazamisa.

22. UYoshuwa wathi: “Wuvuleni umqolomba, nizizise kum zontlanu ezo kumkani.”

23. Wavulwa ke umqolomba, zaza zasiwa kuYoshuwa iikumkani zaseJerusalem, eHebron, eYamuti, eLakishe, nase-Elon.

24. UYoshuwa wawabiza ke onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi-mkhosi: “Yizani apha nizinyathele entanyeni ezi kumkani.” Benjenjalo,

25. wathi ke uYoshuwa: “Nize ningoyiki ninkwantye! Yomelelani nikhaliphe! Yiyo le into aza kuyenza uNdikhoyo kuzo zonke iintshaba zenu enilwa nazo.”

26. UYoshuwa wazixabela ke ezo zikumkani, wathi mazixhonywe emithini emihlanu. Zajinga apho ke kwada kwaba ngorhatya.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 10