Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 1:8-12 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.

9. Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”

10. UYoshuwa uyalele iinduna zakhe, wathi:

11. “Tyhutyhani umzi, nixelele amaSirayeli ukuba alungise umphako wendlela, kuba kuza kuhanjwa emva kweentsuku ezintathu, kuwelwe iJordan, kuthinjwe ilizwe enilinikwe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze libe lelenu.”

12. UYoshuwa wathetha nesizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nenxalenye yesizwe sakwaManase, wathi:

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 1