Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 7:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,ndithi ubuthongo bondithomalalisa.

14. Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;usuka undivingcele ngemibono.

15. Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.

16. Ewe kambe, ndidikiwe bobu bomi;kakade andiyi kuphila ngonaphakade.Hayi ndiyekeni, kuba ubomi bam bunjengomphunga.

17. “Yaz'ba uyintoni na umntu, le nto umxabise kangaka;ngani ukuba umzondelele kangaka?

18. Ewe, yonke imihla uyamphicotha;ngayo yonke imizuzu uyamvavanya.

19. Hayi kaloku, khawuthi gu kancinci;khawundiyeke ndikhe ndiginy' amathe!

20. Ke ukuba ndiyona, ikukhathaza ngani loo nto, wena Malusi woluntu?Ngani ukuba ndibe selisweni lakho kangaka?Ngaba ndingumthwalo ongako kuwe?

21. Ngaba awungendixoleli na isono sam,ubulibale ubutyala bam?Kuba ke ngoku ndiza kulala kobandayo;uthi undifuna ndibe ndingasekho!”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 7