Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 7:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngani ke ukuba ude undimisele umlindi?Ngaba ndilulwandle, okanye isilo solwandle?

13. Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,ndithi ubuthongo bondithomalalisa.

14. Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;usuka undivingcele ngemibono.

15. Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.

16. Ewe kambe, ndidikiwe bobu bomi;kakade andiyi kuphila ngonaphakade.Hayi ndiyekeni, kuba ubomi bam bunjengomphunga.

17. “Yaz'ba uyintoni na umntu, le nto umxabise kangaka;ngani ukuba umzondelele kangaka?

18. Ewe, yonke imihla uyamphicotha;ngayo yonke imizuzu uyamvavanya.

19. Hayi kaloku, khawuthi gu kancinci;khawundiyeke ndikhe ndiginy' amathe!

20. Ke ukuba ndiyona, ikukhathaza ngani loo nto, wena Malusi woluntu?Ngani ukuba ndibe selisweni lakho kangaka?Ngaba ndingumthwalo ongako kuwe?

funda isahluko epheleleyo Uyobi 7