Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 7:10-15 Ibhayibhile (XHO96)

10. Akaphindi eze ekhayeni lakhe,angabi sazana nendawo yakhe.

11. “Hayi khona, andiyi kuthi cwaka!Ndiya kuwuphalaza umva-ndedwa wam, ndikhale ndibindekile!

12. Ngani ke ukuba ude undimisele umlindi?Ngaba ndilulwandle, okanye isilo solwandle?

13. Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,ndithi ubuthongo bondithomalalisa.

14. Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;usuka undivingcele ngemibono.

15. Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 7