Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 6:22-29 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngaba ndikhe ndathi kuni: ‘Ndipheni into,’okanye ndathi: ‘Khanindinyobele ubani ngaloo ndyebo yenu’?

23. Ngaba ndikhe ndathi: ‘Ndihlanguleni esandleni sotshaba,’okanye ndathi: ‘Ndihlawuleleni koongalo-nkulu’?

24. Hayi ke, khanindifundise; ndothi cwaka!Ewe, ndiboniseni apho ndiphambuke khona!

25. Kambe ke wona amazwi athe ngqo aluncedo;ukanti ke ezi ngxoxo zenu ngaba ziphuhlisa ntoni?

26. Ngaba nifuna ukulungisa oko ndikuthethileyo,amazwi omntu oselencamile niwenze intetho engumoya?

27. Nina nixolele ukwenza amaqashiso nangenkedama,nisenge inzuzo nangesona sihlobo senu.

28. “Kambe ke ngoku khanindijongisise,kuba andisoze ndinixokise ndijongene nani.

29. Ngoku ndiyanithandaza, khanibuyeke ubugqwetha;sanukundisingela phantsi – ndililungisa kule nto.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 6