Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 41:13-20 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngubani onokuyinyanzela ukuvula umlomo,ingubani onokuyifaka umkhala?

14. Ewe, ngubani ongavula loo mihlathi yayoijikelezwe ziingxavula ezoyikekayo zamazinyo?

15. Umqolo wayo unoludwe lwamakhakaaphotheneyo ngathi atywiniwe.

16. Ewe, asondelelene ayimbumba;phakathi kwawo akungeni nomoya.

17. Hayi, anxibelelene angunonca,abambene nkwa, akanakwahlukaniswa.

18. Yintw' ethi yakuthimla kumenyeze,emehlo ngathi lilanga liphuma.

19. Yintw' emlomo ulatyuza amadangatye,kutsho kutak' iintlantsi.

20. Yintw' emarhanana alephuz' umsi,oku kwembiza ebaselwe ngeengcongolo.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 41