Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 40:19-24 Ibhayibhile (XHO96)

19. Kuzo zonk' izidalwa ithe kratya ngokukhwankqisa;nguMdali wayo yedwa onako ukuyoyisa.

20. Ukutya kwayo kufumaneka ezintabeni phaya,apho zidloba-dloba khona izilwanyana.

21. Ungafika ingqengqe phantsi kwamatyholo akhula ngasemanzini,okanye izimele ezingcongolweni, emgxobhozweni phaya.

22. Ewe, iphumla emthunzini wamatyholo entlanjeni phaya,ufike ijikelezwe yimingcunube.

23. Yona ayiwoyiki umlambo ophuphumayo;ithi zole nakwiJordan elatyuza amanzi de abethe emlonyeni wayo.

24. Kodwa kodwa ngubani ongayihlaselayo?Ngaba uqale wayityhaphaza?Ngubani ongayithiyela ayithi qhoo ngaloo mpumlo?

funda isahluko epheleleyo Uyobi 40