Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 40:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi:

2. “Ngaba ufuna ukubambana noSomandla,usalatha iimpazamo zakhe?Wena omangalela uThixo, phendula.”

3. Ke yena uYobi uphendule *uNdikhoyo wathi:

4. “Xa kungokunje ndiyaqonda ukuba andinto yanto.Ndingaba saphendula ndithini?Kungokunje ndidl' imu.

5. Ewe, ndithethe ndaphinda-phinda,kambe ke ngoku ndosuka ndiwuthunge.”

6. Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:

7. “Khawuqule, ume njengendoda;mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.

8. “Ngaba ufuna ukusisingela phantsi isigwebo sam?Ugweba mna ukuze wena ugwetyelwe?

9. Ngaba nawe womelele njengoThixo?Nelakho ilizwi lizongoma njengelakhe?

10. Xa kunjalo ke khawuvele uveth' isidima uzimasekile;khawuthi jize isihomo nesithozela.

11. Khawuphokoze loo msindo wakho,ubaphoxe abo bazigwagwisayo.

12. Ewe, badilize abo baqholosayo;ke zona izikhohlakali zinyhashele apho zikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 40