Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 39:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. “Uthi ungaze uyisebenzise inyathi?Unganako ukuyivalela ebuhlanti?

10. Uthi ungayirhintyela ulime ngayo;mhlawumbi uyerhe entilini phaya?

11. Uthi ingaze ikuncede ngamandla ayo;ungawunikela kuyo umsebenzi wakho?

12. Ngaba unganako ukuvuna ngayo?Uthi ungabhula ngayo esandeni phaya?

13. “Hayi ukufaneleka kwamaphiko enciniba!Kambe ke iyagqweswa yingwamza ngokuphapha.

14. Amaqanda ayo iwabeka emhlabeni iwashiyeukuze ke afudunyezwe ngumhlaba lowo.

15. Ayinaloyiko lokuba osuka anyathelwe,okanye kuthi gqi inyamakazi iwakroboze.

16. Ayinankathalo ngamantshontsho ayo, ngathi asingawayo;ayivakalelwa kukubhanga kwemigudu yayo.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 39