Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 39:5-21 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Iqwarha eli layithatha phi inkululeko?Ngubani owalikhulula intambo ukuba libhadule?

6. Ndim owalinikela ukuba lihlale entlango,ikhaya lalo libe kuloo mathafa etyuwa.

7. Isiphithi-phithi sasezixekweni yintlekisa kulo;ngokunjalo nemikhwazo yombhexeshi aliyiva.

8. Libhadula ezintabeni lifuna amadlelo,lize limemethe naluphi na uhlaza elilufumanayo.

9. “Uthi ungaze uyisebenzise inyathi?Unganako ukuyivalela ebuhlanti?

10. Uthi ungayirhintyela ulime ngayo;mhlawumbi uyerhe entilini phaya?

11. Uthi ingaze ikuncede ngamandla ayo;ungawunikela kuyo umsebenzi wakho?

12. Ngaba unganako ukuvuna ngayo?Uthi ungabhula ngayo esandeni phaya?

13. “Hayi ukufaneleka kwamaphiko enciniba!Kambe ke iyagqweswa yingwamza ngokuphapha.

14. Amaqanda ayo iwabeka emhlabeni iwashiyeukuze ke afudunyezwe ngumhlaba lowo.

15. Ayinaloyiko lokuba osuka anyathelwe,okanye kuthi gqi inyamakazi iwakroboze.

16. Ayinankathalo ngamantshontsho ayo, ngathi asingawayo;ayivakalelwa kukubhanga kwemigudu yayo.

17. UThixo uyivimbe ubulumko inciniba,akayinika nokuyinika ingqiqo.

18. Kambe ke yakuwathi naa amaphiko ayo ibalekaiyalihleka ihashe nokhwele kulo.

19. “Ngaba nguwe na owenze ihashe lomelela kangaka?Nguwe owalivathisa ngeso singci siyakayaka?

20. Nguwe olenze lanako ukuthi qakatha njengeenkumbi?Nguwe olenze larhwaqelisa ngesandi somfutho walo?

21. Ligxanya ngamandla ngaloo manqina alo xa lijikela entilini phaya,selifunzele phakathi kwayiwayo!

funda isahluko epheleleyo Uyobi 39