27. Ngaba nguwe oyalela ixhalanga ukuba lintinge,lakhe nendlu yalo emalenga-lengeni phaya?
28. Kaloku lona lihlala kwiinkelekethe zamawa;lizenzela inqaba kwiimfanta zamalenga-lenga.
29. Lithi cwaa apho lilonga-longe ixhoba,lize lilipopole noba selisekudeni.
30. Amathole alo amfimfitha igazi;nalapho zikhoyo izidumbu libutha khona ixhalanga.”