Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 39:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ngaba uyalazi ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni?Wakha walibona na inxala xa lifikelwa yinimba yokuzala?

2. Lithatha iinyanga ezingakanani lithwele,lize lifike nini ke ixesha lokuzala kwalo?

3. Uyalazi ukuba lingqengqa nini na ukuze libeke itakane lalo,ibe ke ngokunjalo idlule intlungu yenimba?

4. Amatakane alo akhulela ezindle ade omelele,aze ke asuke emke angaze abe sabuya.

5. “Iqwarha eli layithatha phi inkululeko?Ngubani owalikhulula intambo ukuba libhadule?

6. Ndim owalinikela ukuba lihlale entlango,ikhaya lalo libe kuloo mathafa etyuwa.

7. Isiphithi-phithi sasezixekweni yintlekisa kulo;ngokunjalo nemikhwazo yombhexeshi aliyiva.

8. Libhadula ezintabeni lifuna amadlelo,lize limemethe naluphi na uhlaza elilufumanayo.

9. “Uthi ungaze uyisebenzise inyathi?Unganako ukuyivalela ebuhlanti?

10. Uthi ungayirhintyela ulime ngayo;mhlawumbi uyerhe entilini phaya?

11. Uthi ingaze ikuncede ngamandla ayo;ungawunikela kuyo umsebenzi wakho?

12. Ngaba unganako ukuvuna ngayo?Uthi ungabhula ngayo esandeni phaya?

funda isahluko epheleleyo Uyobi 39