Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 38:16-33 Ibhayibhile (XHO96)

16. “Ngaba wakha wayibona imithombo yolwandle?Sowukhe wathi cakatha ezintunjini zenzonzobila?

17. Uwatyhilelwe na amasango okufa?Wakha wakubona kwamnyama-ndawo?

18. Khawutsho, lingakanani ihlabathi?Phendula kaloku ukuba uyazazi ezi zinto!

19. “Ungalixela apho likhoyo ikhaya lokukhanya?Khona, wona umthombo wobumnyama uphi?

20. Ezi zinto ungazibuyisela na endaweni yazo?Khona, uyayazi na indlela esinga esikhundleni sazo?

21. Awunakungazazi; kaloku wawuseluzelwe,neminyaka yobomi bakho mininzi, ngabula wena!

22. “Wakha wababona oovimba bam bekhephu?Oovimba besichotho bona uyabazi?

23. Ezi zinto ndizigcinele mhla kwanyembeleka;ndizigcinele mhla kwathiwa ilizwe lifile.

24. Uyayazi na indlela eya apho kuvela khona ukukhanya?Uthini umoya wasempuma ukusasazeka phezu kwehlabathi?

25. Ngubani ovulela izandyondyo zemvula umjelo;ingubani yena khona ovulela iindudumo indlela?

26. Ngubani onisa imvula endle phaya?Inethiswa ngubani imvula enkqantosini,

27. ukuze ithobe unxano kumhlaba okhamisileyo,kutsho kuthi rhwelele utyani?

28. Kakade, imvula le yinto kabani;ingubani yena uyise wombethe?

29. Ke wona umkhenkce wakhawulwa ngubani;ingubani yena umzali weqabaka?

30. Kaloku amanzi ayaqina abe ngathi lilitye;inzongo-nzongo yamanzi itsho ikhenkcezele.

31. “Uthi ngaba unokuzidibanisa izilimela;khona unako ukuwakhulula amakroza?

32. Ungazilawula iinkwenkwezi namathuba azo,nditsho oozibhere ngokunjalo namatakane azo?

33. Uyayazi imithetho elawula ilanga nenyanga neenkwenkwezi?Unganako ukumisela impembelelo yazo emhlabeni?

funda isahluko epheleleyo Uyobi 38