19. “Khawutsho, uthi masithini ke kuThixo?Kaloku kumnyama kuthi;asinamhlaba wakuziphendulela!
20. Uthi masicele ukuthetha naye!Ngubani ongazibizela intshabalalo?
21. Bekungekho bani unako ukubona ukukhanya;ukuqaqamba kwako bekusithwe ngamafu,kodwa kwakudlula umoya, kuthi qwenge.
22. Emantla phaya ukukhanya busabugoliderha;isihomo sikaThixo sisitsho sinkwantye ke thina.
23. Amandla akhe amtsho angafikeleleki;usulungekile, ebalasele ngobulungisa;akukho bani amcinezelayo.
24. Ngenxa yaloo nto ke, abantu bayamhlonela;kambe ke zona izindwebi akazikhathalele.”