Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 36:15-33 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kambe uThixo uyabafundisa abantu nangehambo-nzima;ubavula iindlebe ngokusebenzisa nembandezelo.

16. “Nawe wakukhupha enkathazweni,wakutsho waxhamla intlala-kahle,usitya uhlutha, ungaswele nto.

17. Kodwa ngoku isohlwayo esifanele abakhohlakeleyo siphezu kwakho;ukugwetywa nokohlwaywa kukufikele.

18. Lumka ke umsindo wakho ungawenzi umgibe wokubambisa abanye,ungazimiseli ukusebenzisa ukunyoba okukhulu ukuguqula imeko.

19. Ngaba kukubhomboloza kwakho na okunokukunceda?Hayi bo, yonke imigudu yakho ayingeke incede.

20. Sukulangazelela ukuza kobusuku,xesha elo batshabalala ngalo abantu.

21. Lumka ungayi ebubini;ungazilahleli kubo ngenxa yokubandezeleka.

22. Kaloku uThixo yimbalasane ngamandla;ke kumba wokufundisa uyingcungela.

23. UThixo akaxelelwa mntu amakakwenze;ngubani onokuthi kuye: ‘Wenze okugwenxa’?

24. Khumbula uwuphakamise umsebenzi wakhe,lowo abantu bawubongayo ngeengoma.

25. Bonke abantu bayayibona imisebenzi yakhe,noxa beyibona bekude nje.

26. Hayi ukuba mkhulu kukaThixo!Uyiphakamele ingqiqo yethu;inani leminyaka yakhe aligocagoceki.

27. “Nguye ofunxa amanzi emhlabeni,awajike awenze amathontsi emvula,

28. mvula leyo ina iphuma emafini,ibe zizandyondyo kumntu wonke.

29. Ngubani okuqondayo ukuhamba kwamafu,nokuzongoma kweendudumo ezulwini phaya?

30. Yena utshawuzisa umbane esibhakabhakeni;nguye ogubungela inzonzobila yolwandle.

31. Le yindlela aluxhasa ngayo uluntu,aluthi jize ngendyikityha yendyebo.

32. Ke yona imibane iselulawulweni lwesandla sakhe;uyayiyalela itsho ichan' ucwethe.

33. Kambe ke sona isiphango sixelwa ziindudumo,nditsho neenkomo ziyakwazi ukuza kwaso.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 36