Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 34:30-37 Ibhayibhile (XHO96)

30. ukuze athintele isikhohlakali ekulawuleni,singababekeli umgibe abantu.

31. “Ukuba ngaba umntu ebenokuthi kuThixo:‘Ndikuvukele, kodwa andiyi kuphinda ndone.

32. Ndifundise oko ndingenako ukukubona.Ukuba ndenze ubugwenxa andisayi kuphinda ndenjenjalo.’

33. Ngaba uThixo uthi useza kumohlwayangenxa yokumvukela kwakhe?Zikhethele ngokwakho, ingabi ndim.Into oyaziyo yithethe.

34. “Kambe ke iingqondi zosuka zithi,ewe, izilumko zona zingathi:

35. ‘UYobi uthethiswa kukungazi;ewe, akathethi, koko uyabhibhidla.’

36. Akwaba uYobi ebenokucikidwa ngokupheleleyo,kuba impendulo yakhe ifana neyendoda ekhohlakeleyo.

37. Ewe, esi sono sakhe uyasandisa,kuba kaloku usuka adlongozele,aqhwabe ngolunya izandla zakhe phakathi kwethu,atheth' umlembelele ngoThixo.”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 34