Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 34:20-35 Ibhayibhile (XHO96)

20. Bafa ngephanyazo ezinzulwini zobusuku;bayagungqiswa abantu, bafe;kwanezihandiba ziyawa zingawiswanga mntu.

21. “Kaloku yena uzijongile iindlela zabantu;uwabona onke amanyathelo abo.

22. Kaloku akukho thunzi nantsunguzi yabumnyamaapho abenzi bobubi bangazifihla khona.

23. KuThixo akuyomfuneko ukubancwina ngakumbi abantuxenikweni ebasa ematyaleni.

24. KuThixo akukho mfuneko yaluphandoxa abakhiqayo abasezintanjeni,aze amisele abanye ezikhundleni zabo.

25. Kaloku uyazazi izenzo zabo;ubabhukuqa ngobusuku babhange.

26. Xa sukuba ebohlwaya ngenxa yobugwenxa babo,loo nto uyenza esidlangalaleni.

27. Andithi na kaloku basuke bakreqa,ababi sazikhathalela iindlela zakhe?

28. Ohlelelekileyo bamtsho wazibika kuThixo,waza ke yena wasiva isikhalo sabasweleyo.

29. Xa athe cwaka ngubani ongamgwebayo?Naxa efihle ubuso bakhe ngubani ongambonayo?Nguye ngokwakhe olawula uluntu nezizwe,

30. ukuze athintele isikhohlakali ekulawuleni,singababekeli umgibe abantu.

31. “Ukuba ngaba umntu ebenokuthi kuThixo:‘Ndikuvukele, kodwa andiyi kuphinda ndone.

32. Ndifundise oko ndingenako ukukubona.Ukuba ndenze ubugwenxa andisayi kuphinda ndenjenjalo.’

33. Ngaba uThixo uthi useza kumohlwayangenxa yokumvukela kwakhe?Zikhethele ngokwakho, ingabi ndim.Into oyaziyo yithethe.

34. “Kambe ke iingqondi zosuka zithi,ewe, izilumko zona zingathi:

35. ‘UYobi uthethiswa kukungazi;ewe, akathethi, koko uyabhibhidla.’

funda isahluko epheleleyo Uyobi 34