Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 34:15-29 Ibhayibhile (XHO96)

15. konke okuphilayo kungasuka kutshabalale,noluntu lonke lubuyele kwaseluthulini.

16. “Ngaba uyaqiqa na – phulaphula ke!Bek' iindlebe ndithethe.

17. Umchasi-mthetho angalawula njani?Ke wena ungamgweba njani uThixoeyingangalala yelungisa nje?

18. Kaloku nakukumkani yena unokuthi: ‘Awunto yanto;’aze kwizidwangube athi: ‘Nizizinto ezikhohlakeleyo.’

19. UThixo akakhethi buso nakumatshawe;nesityebi akasilungiseleli ngaphezu kwehlwempu;kaloku bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.

20. Bafa ngephanyazo ezinzulwini zobusuku;bayagungqiswa abantu, bafe;kwanezihandiba ziyawa zingawiswanga mntu.

21. “Kaloku yena uzijongile iindlela zabantu;uwabona onke amanyathelo abo.

22. Kaloku akukho thunzi nantsunguzi yabumnyamaapho abenzi bobubi bangazifihla khona.

23. KuThixo akuyomfuneko ukubancwina ngakumbi abantuxenikweni ebasa ematyaleni.

24. KuThixo akukho mfuneko yaluphandoxa abakhiqayo abasezintanjeni,aze amisele abanye ezikhundleni zabo.

25. Kaloku uyazazi izenzo zabo;ubabhukuqa ngobusuku babhange.

26. Xa sukuba ebohlwaya ngenxa yobugwenxa babo,loo nto uyenza esidlangalaleni.

27. Andithi na kaloku basuke bakreqa,ababi sazikhathalela iindlela zakhe?

28. Ohlelelekileyo bamtsho wazibika kuThixo,waza ke yena wasiva isikhalo sabasweleyo.

29. Xa athe cwaka ngubani ongamgwebayo?Naxa efihle ubuso bakhe ngubani ongambonayo?Nguye ngokwakhe olawula uluntu nezizwe,

funda isahluko epheleleyo Uyobi 34