13. Kakade ngubani owammiselayo ukuba alawule ihlabathi?Ngubani owambeka ukuba alongamele lonke elimiweyo?
14. Xa ebenokusuka azimiseleawunqamle umoya wakhe nempefumlelo yakhe
15. konke okuphilayo kungasuka kutshabalale,noluntu lonke lubuyele kwaseluthulini.
16. “Ngaba uyaqiqa na – phulaphula ke!Bek' iindlebe ndithethe.
17. Umchasi-mthetho angalawula njani?Ke wena ungamgweba njani uThixoeyingangalala yelungisa nje?
18. Kaloku nakukumkani yena unokuthi: ‘Awunto yanto;’aze kwizidwangube athi: ‘Nizizinto ezikhohlakeleyo.’