Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 34:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uElihu utyatyadule wenjenje:

2. “Hoyina, nani nina zilumko;khanibek' iindlebe, nani zingqondi!

3. Ukutya kungcanyulwa lulwimi,ke yona intetho iviwa ziindlebe.

4. Makhe sikhethe oko kulungileyo;ewe, masiphicothe oko kufanelekileyo.

5. “Kaloku uYobi uthi: ‘Ndimsulwa,kodwa uThixo undivimb' ubulungisa.

6. Nangona ndinyanisekile, ndiphathwa okwexoki;nangona ndingenatyala, utolo lwakhe lundingxwelerhile.’

7. Wakha wakho phi ofana noYobi lo,osoloko ehlalele ukuphoxisa,

8. umnt' osoloko ethene mbende nabenzi bobubi,ohlal' eqhogene nezikhohlakali?

9. Kaloku yena uthi:‘Akumncedi lutho umntuukuzimisela ukukholisa uThixo.’

10. “Kambe ke ndiphulaphuleni, zingqondi:kukude lé kuThixo ukwenza ububi,kuSomandla ukwenza ubugwenxa.

11. Kuye umntu uvuna loo nto ayilimileyo;umntu umphatha ngokwehambo yakhe.

12. Hayi bo, uThixo akayenzi inkohlakalo;uSomandla akabugqwethi ubulungisa.

13. Kakade ngubani owammiselayo ukuba alawule ihlabathi?Ngubani owambeka ukuba alongamele lonke elimiweyo?

14. Xa ebenokusuka azimiseleawunqamle umoya wakhe nempefumlelo yakhe

funda isahluko epheleleyo Uyobi 34