Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 32:8-18 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini,ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu.

9. Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko,kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.

10. “Ngoko ke bekan' iindlebe, khe ndiniphakele;makhe ndinivakalisel' olwam uluvo.

11. Ewe, ndiniphulaphule xa beniphakula ubulumko benu;ndibuvisisile xa benidimbaza nigalela.

12. Bendiziindlebe ndonke xa benithetha;akukho namnye umchaniley' uYobi,kungekho namnye ukwaziy' ukuchan' amagama.

13. Ke nina sanukuthi: ‘Sibuzuzile ubulumko.’Kaloku nguThixo yedwa ongaphendulanayo noYobi, hayi umntu.

14. UYobi ubebhekisa kuni, ingekum.Kambe ke bendingamphenduli njengani mna.

15. “Hayi, Yobi, bathethe kom' umqala;kungokunje basik' umlomo.

16. Mandithini na ke mna?Uthi mandithi cwaka kuba nabo bethule?Ewe, nâbo bethe bhuxe, inkukw' isik' umlomo!

17. Hayi bo! Nam makhe ndenze owam umda,ndiluvakalise nolwam uluvo.

18. Hayi, mna andisenakuzibamba ndithi cwaka,kuba kuninzi ukuthetha kum.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 32