Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 32:2-16 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi uthe akuyiqonda le meko wasuka wakhathazeka, kuba kaloku uYobi wayezenza ilungisa esola uThixo.

3. Futhi wakhathazwa nayinto yokuba ezi zihlobo zikaYobi zithathu zisuke zoyiswa kukuphendulana noYobi, zingabanga nako ukudandalazisa ubutyala bakhe, kodwa zimtyhola.

4. UElihu lo wayesalindele ukuthetha noYobi, kuba abanye aba babebadala kunaye.

5. Athe ke la madoda mathathu akuba selethethe koma umqala esoyiswa bubuciko bukaYobi, wakhathazeka,

6. wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi:“Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka,ke nina senikhulile, niziingwevu,nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala,ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo.

7. Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’

8. Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini,ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu.

9. Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko,kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.

10. “Ngoko ke bekan' iindlebe, khe ndiniphakele;makhe ndinivakalisel' olwam uluvo.

11. Ewe, ndiniphulaphule xa beniphakula ubulumko benu;ndibuvisisile xa benidimbaza nigalela.

12. Bendiziindlebe ndonke xa benithetha;akukho namnye umchaniley' uYobi,kungekho namnye ukwaziy' ukuchan' amagama.

13. Ke nina sanukuthi: ‘Sibuzuzile ubulumko.’Kaloku nguThixo yedwa ongaphendulanayo noYobi, hayi umntu.

14. UYobi ubebhekisa kuni, ingekum.Kambe ke bendingamphenduli njengani mna.

15. “Hayi, Yobi, bathethe kom' umqala;kungokunje basik' umlomo.

16. Mandithini na ke mna?Uthi mandithi cwaka kuba nabo bethule?Ewe, nâbo bethe bhuxe, inkukw' isik' umlomo!

funda isahluko epheleleyo Uyobi 32