Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 31:14-30 Ibhayibhile (XHO96)

14. bendingathini ke ukujongana noThixo?Ndingathini ukuphendula xa efuna ingxelo?

15. Andithi na kaloku kwalo Thixo udale mnazikwadalwe nguye nezicaka zam!

16. “Mna andizange ndikumangale ukunceda amahlwempu,nabahlolokazi abazange bemke belambatha kum.

17. Andizange ndaneliseke kukutya ndedwa,ibe yona inkedama ingenayo into etyiwayo.

18. Kaloku ndayikhulisa njengoyise kwasebuntwaneni bayo,ndayondla ndayithantamisa kwasekuzalweni kwayo.

19. Ndakubona usizana oluze,oluhlwempuzeke kangangokuba lungabi nayo impahla yokunxiba,

20. bendilunika impahla eyenziwe ngoboya obuyimveliso yeegusha zam,lutsho lundincome luhambe lundidumisa.

21. Ngaba ndakha ndayivuyelela inkedamakuba ndiqhayisa ngokuyitshonisa nasenkundleni?

22. Xa kunjalo ke ngamana ndakroboka iingalo;akwaba zingancothuka emagxeni am.

23. Hayi bo! Ngenxa yokoyika isohlwayo sikaThixo,nangenxa yokuhlonipha ubuhandiba bakhe,into enjalo andizange ndayenza.

24. “Xa bendingaqamelela ngegolide,kwecikizekileyo ndisithi: ‘Ulithemba lam!’

25. ukuba bendivuye ndada ndaqholosa ngenxa yentabalala yobutyebi bam,nangenxa yokwanda kwemveliso yam,

26. ukuba bendisuke ndanqula ilanga ngenxa yokuqaqamba kwalo,okanye inyanga ngenxa yomfaneleko wayo,

27. ukuba ngaba bendiwexulekile ndasanga isandla sam,ndibusa zona ezi zinto,

28. nale ke into ibingaba bubugwenxa obufanele isohlwayo esiqatha,kuba ukwenjenjalo ingaba kukuvukelana noThixo kweliphezulu.

29. “Andizange ndavuyiswa kukubandezeleka kotshaba lwam,ndingazange ndakuthakazelela ukuminxeka kwalo.

30. Andizange umlomo wam ndiwuvule wonengokusuka ndilushwabulele utshaba lwam.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 31