Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 3:2-17 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ewe, uYobi uvakele esithi:

3. “Ngamana zange wathwasa umhla endazalwa ngawo;nditsho nobo busuku apho kwathiwa: ‘Namhlanje kukhawulwe indoda!’

4. Akwaba loo mini yayingumnyam' ombonde-mbonde;mini leyo noThixo kweliphezulu angayihoyanga;mini ingazange yabonana nokukhanya!

5. Ngeyambathiswe sisiphitha-nyongo sobumnyama;ngeyisityekelwe ziingqimba zamafu.Loo mini ngeyirhwaqeliswe sisithokothoko sobumnyama;

6. nobo busuku ngebambathiswe sisithokothoko,suka àbabalelwa kwimihla yonyaka,àbakhankanywa phakathi kweentsuku zeenyanga.

7. Ewe, akwaba obo busuku babuludlolo;akwaba kwakungavakalanga kumemelela kubo.

8. Iinkintsela zokuqalekisa imihla ngeziyiqalekisile loo mini;ngeziyifunze ngengwenya.

9. Iinkwenkwezi zangorhatya ngezimnyama;loo mini ngeyilindele ukusa kodwa kungaze kufike,nomsobomvu ungaze uthi chapha!

10. Kaloku ayizivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,ayandiphephisa kule nkxwaleko ndikuyo.

11. “Kwakungani ndingafi ndingekazalwa nje,okanye ndife ndisazalwa?

12. Ngani ukuba uma andisingathe emadolweni?Khona, kwakutheni ukuba andincancise ibele?

13. Kuba xa bekungenjalo, ngendalala ndazola;ewe, ngendiphumle kobandayo,

14. ndawonye nezikumkani namaphakathi,lawo awavusayo amanxuwa;

15. ngoku ngendikunye namatshawe,azindlu zazizele yigolide nesiliva.

16. Ngani ukuba ndingafihlwanga njengomphunzo,njengemveku engalibonanga ilanga?

17. Kaloku apho nezikhohlakali azikhathazi mntu,nabadiniweyo baxhamla ukuphumla.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 3