Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 28:5-19 Ibhayibhile (XHO96)

5. Phezulu apha lo mhlaba uvelisa ukudla;kanti ngaphantsi phaya ubhukuqwa ngathi ngumlilo.

6. Kumatye omhlaba kuphuma iisafire,kanti ke lona uthuli lwawo luvelisa igolide.

7. Amaxhalanga ngokwawo akazazi iindlela zasemigodini phaya,ngokunjalo zange zalanywa naliliso likakhetshe.

8. Amarhamncwa anyalasayo akazange athi cakatha unyawo apho,nkqu nengonyama ayizange yadlula khona.

9. Kaloku abantu baqhekeza bagqale nditsho nenyengane le;ewe, neentaba ngokwazo bayazibhukuqa, bazisiphule neengcambu.

10. Basuka bagqobhoze iitonela emaweni,lize iliso labo liwabhaqe amatye axabisekileyo.

11. Imithombo yakhona bayayivingca ingampompozi,baze bazidandalazise izinto ezifihlakeleyo.

12. “Kambe ke, bungaze bufumaneke phi ubulumko?Khona lona ulwazi lungazuzwa phi?

13. Ewe, ubulumko abunakufumaneka ebantwini;kaloku akukho namnye ulaziyo nexabiso labo.

14. Andithi na kaloku kwankqu neenzonzobila ezinzongo-nzongo,nditsho neelwandle, ziyabulandula?

15. Kaloku bona abungekhe bufumaneke nangegolide ecikizekileyo,kanti nentabalala yesiliva ayinako ukubuhlawula.

16. Neyona golide yaseOfire iyalaba-laba kwixabiso labo;nditsho namatye exabiso, nokuba yionike okanye yisafire.

17. Ewe, abunakulinganiswa negolide,ukanti abunakuthelekiswa nayo nemveliso yegolide,nditsho nayo neglasi yodidi.

18. Asisathethi ke ngeekorale neekristale,kuba kaloku bona ubulumko bubalasele ngexabiso,ndithi bugqwesa kwaiiperile.

19. Ewe, netopazi yaseKushe ayinakulinganiswa nabo,ngokunjalo abunakuthengwa nangeyona ihluziweyo igolide.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 28