Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 28:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Basuka bagqobhoze iitonela emaweni,lize iliso labo liwabhaqe amatye axabisekileyo.

11. Imithombo yakhona bayayivingca ingampompozi,baze bazidandalazise izinto ezifihlakeleyo.

12. “Kambe ke, bungaze bufumaneke phi ubulumko?Khona lona ulwazi lungazuzwa phi?

13. Ewe, ubulumko abunakufumaneka ebantwini;kaloku akukho namnye ulaziyo nexabiso labo.

14. Andithi na kaloku kwankqu neenzonzobila ezinzongo-nzongo,nditsho neelwandle, ziyabulandula?

15. Kaloku bona abungekhe bufumaneke nangegolide ecikizekileyo,kanti nentabalala yesiliva ayinako ukubuhlawula.

16. Neyona golide yaseOfire iyalaba-laba kwixabiso labo;nditsho namatye exabiso, nokuba yionike okanye yisafire.

17. Ewe, abunakulinganiswa negolide,ukanti abunakuthelekiswa nayo nemveliso yegolide,nditsho nayo neglasi yodidi.

18. Asisathethi ke ngeekorale neekristale,kuba kaloku bona ubulumko bubalasele ngexabiso,ndithi bugqwesa kwaiiperile.

19. Ewe, netopazi yaseKushe ayinakulinganiswa nabo,ngokunjalo abunakuthengwa nangeyona ihluziweyo igolide.

20. Ke, ngaba uphi owona mthombo wobulumko?Umntu angalufumana phi ulwazi?

21. Abubonakali kuzo zonke izinto eziphilileyo,nditsho nakweyona intingayo intaka.

22. Ewe, nokufa nentshabalalo, zombini ziyavuma,zithi: ‘Luvakele nje umingi-mingi ngabo ezindlebeni zethu!’

23. NguThixo kuphela owaziyo ngobulumko;nguye owaziyo umthombo wabo.

24. Kaloku yena ubona nditsho namaphethelo ehlabathi,kuba kuye akukho nanye into efihlakeleyo phantsi kwamazulu.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 28