Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 28:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ewe, ikho imigodi yesiliva; ngokunjalo zikho neendawo zokuhluza igolide.

2. Abantu bemba isinyithi emhlabeni,baze banyibilikise ubhedu olusematyeni.

3. Nenzonzobila yobumnyama abantu bayayihlola-hlola;baphicotha namathumbu omhlaba,baze bembe bacubungule kwimiwewe enzongo-nzongo yenzonzobila.

4. Kude lé kwelimiweyo,apho kungazange kwathi cakatha mntu,abantu bayemba bavule imigodi,bajinga-jinge kwalunkcwe,bebotshelelwe ngeentambo.

5. Phezulu apha lo mhlaba uvelisa ukudla;kanti ngaphantsi phaya ubhukuqwa ngathi ngumlilo.

6. Kumatye omhlaba kuphuma iisafire,kanti ke lona uthuli lwawo luvelisa igolide.

7. Amaxhalanga ngokwawo akazazi iindlela zasemigodini phaya,ngokunjalo zange zalanywa naliliso likakhetshe.

8. Amarhamncwa anyalasayo akazange athi cakatha unyawo apho,nkqu nengonyama ayizange yadlula khona.

9. Kaloku abantu baqhekeza bagqale nditsho nenyengane le;ewe, neentaba ngokwazo bayazibhukuqa, bazisiphule neengcambu.

10. Basuka bagqobhoze iitonela emaweni,lize iliso labo liwabhaqe amatye axabisekileyo.

11. Imithombo yakhona bayayivingca ingampompozi,baze bazidandalazise izinto ezifihlakeleyo.

12. “Kambe ke, bungaze bufumaneke phi ubulumko?Khona lona ulwazi lungazuzwa phi?

funda isahluko epheleleyo Uyobi 28