Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 27:11-23 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Makhe ndinifundise ngobukhulu bamandla kaThixo;mandingazifihli izicwangciso zikaSomandla.

12. Hayi gxebe, senizibonele nje ngokwenu;ngani ke ukuba nibe sathetha imfungu-mfungu enje?

13. “Naso ke isabelo sezikhohlakali kuThixo;elo ke lilifa lezibhoja kuSomandla.

14. Noba zingade zibe nenyambalala yoonyanabosuka babe lilifa lekrele emfazweni;ewe, inzala yazo yasoloko ithiwe nca liphango!

15. Nemingqandanda esindileyo itshayelwa ngubhubhani,baze nabahlolokazi bazo bangalili nokulila.

16. Noba zingade zibe nemfumba yesiliva ngathi luthuli,zibe nempahla yokwambatha efumbe okodongwe,

17. kosuka kuthi gqi lungisa lithile inxitywe lilo loo mpahla;kosuka kuvele abantu abamsulwa babelane ngaloo siliva.

18. Isikhohlakali sakha indlu efana nesingxobo seqonya;sakha into engathi liphempe labalindi.

19. Isikhohlakali silala sinobutyebi, kodwa siyagqibelisa –sivuka sebuphel' emehlweni.

20. Sisuka sirhwaqele ngathi siyarhaxwa;kaloku sitshayelwa sisaqhwithi ngobhadakazi.

21. Kufika umoya wasempuma usitshayele,usuke usinqukrule singabi sazana nekhaya laso.

22. Usuka usilenge ungenalusini tu;nakanjani kufuneka siwasabe amandla awo.

23. Ewe, umoya usiqhwabela izandla,usihewule isikhohlakali simke endaweni yaso.”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 27