Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 24:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Akhama ioyile eminqumeni,axovule newayini ezidiliyeni;kodwa wona ngokwawo abe enxaniwe.

12. Ezixekweni kuncwina amadoda,iingxwelerha ziyahlahlamba zicela uncedo,kodwa yena uThixo akazisi enkundleni izikhohlakali.”

13. “Kukho abantu abangafunaniyo nokukhanya,abangafuni nokuziqonda iindlela zako,futhi bengahambisani nako mpela!

14. Izikrelemnqa zivuka ekuseni ziye kugebenga abahlelelekileyo,kuze kuthi kwakuhlwa zijike zibe ngamasela.

15. Ke bona abakrexezi balinda ungcwalazi,ufike sebefihl' ubuso, besithi: ‘Andiyi kubonwa.’

16. Ebusuku amasela aqhekeza izindlu,aze kwakuba semini azimele angafunani nokukhanya.

17. Isithoko-thoko sobumnyama sifana nemini kubo;ubusuku oboyikekayo bunjengomhlobo kubo.

18. “Isikhohlakali sikhukuliswa sisikhukula;amasimi asisabelo saso ashwatyulelwe,akusekho bani usebenzayo ezidiliyeni zaso.

19. Ikhephu liyanyibilika lakudibana nobushushu nembalela;ngokunjalo naboni bayavuthuluka kwelabafileyo.

20. Nditsho nonina uyamlibala;kaloku umemethwe ziimpethu, akabi sakhunjulwa.Ewe, isikhohlakali sinkumka oku komthi owomileyo.

21. Kaloku sona siphanga abafazi abaziindlolo,singabenzeli inceba abahlolokazi.

22. Ngamandla akhe uThixo uyazishenxisa izihandiba;ewe, uThixo uthi akusebenzisa amandla akhe zitsho ziphelelwe lithemba lokudla ubomi.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 24