Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 23:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.

13. Xa enze isigqibo ngubani ongamjikayo?Oko afuna ukukwenza uyakwenza.

14. Ngoko ke uya kukufezekisa konke oko andimisele kona,nditsho nokuba yintoni na ayicebileyo ngam.

15. Ngoko ke ndisuka ndirhwaqele phambi kwakhe;ewe, ndithi ndakucinga ngaye ndinkwantye.

16. NguThixo lo unditsho ndoyika kangaka!Ewe, nguSomandla lo undirhwaqelisayo.

17. Phofu bona ubumnyama abundivalanga umlomo,nditsho esi sithokothoko sigqume ubuso bam.”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 23