Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 23:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYobi uphendule wenjenje:

2. “Nanamhlanje ndisamkhalazela ndikrakra uThixo,kuba undiphethe gadalala nakuba sendincwina kangaka nje!

3. Akwaba bendimazi apho akhoyo,ndiyazi nendlela eya apho ahlala khona.

4. Bendiya kusibeka isikhalo sam phambi kwakhe,ndixoxe ndizithethelele.

5. Bendiya kukhe ndimve ukuba uthini na;ndive ukuba uthetha ntoni na.

6. Ngaba angasunduzana nam ngaloo mandla akhe?Hayi, uThixo ngeke akwenze oko.

7. Kaloku enkundleni yakhe amalungisa aphuma phambili.Ke ngoko uMgwebi wam ebeya kundigwebela kuphele.

8. “Ndikhangele ndamfuna empumalanga, kodwa andimfumani;ukanti nasentshonalanga andimbhaqanga.

9. Nokuba usebenza kwelasentla andimboni;xa ebuyela kwelasezantsi usithele emehlweni am.

10. Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.

11. Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.

12. Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.

13. Xa enze isigqibo ngubani ongamjikayo?Oko afuna ukukwenza uyakwenza.

14. Ngoko ke uya kukufezekisa konke oko andimisele kona,nditsho nokuba yintoni na ayicebileyo ngam.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 23