7. Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,nabalambileyo ubavimbile ukutya.
8. Wena ubusisinhanha esinemihlaba;ubungummi obekekileyo.
9. Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!
10. Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;uminxwe naliphaphu.
11. Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;ugutyungelwe naziimpuphuma.
12. “Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.
13. Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo?Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’
14. Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu;kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’
15. Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo,ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?
16. Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo;izikhukula zemka neziseko zabo.
17. Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi.Angasenza ntoni na uSomandla?’
18. Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.
19. “Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye;abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:
20. ‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’