Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 2:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, nanko ndimnikela esandleni sakho; nto nje uze ungabuchukumisi ubomi bakhe.”

7. USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo, wafika wabetha uYobi ngamathumba oyikekayo athi tshitshilili ukuqalela elunyaweni ukuya kutsho entloko.

8. Ke kaloku uYobi wahlala eluthuthwini, wathatha iceba lembiza, wazonwaya ngalo.

9. Inkosikazi yakhe yathi kuye: “Nangoku usabambelele kule ntembeko yakho? Mqalekise lo Thixo, ufe kube kanye!”

10. Ke yena wamphendula wathi: “Ukuthetha kwakho nqwa nokomfazi ongaqiqiyo! Kakade, uthi masiyolelwe zizinto ezintle zodwa esiziphiwa nguThixo, singazamkeli ezimbi?”Kuyo yonke le ntlekele uYobi zange one ngomlomo wakhe.

11. Ke uYobi wayenezihlobo ezithathu ezathi zeva ngayo yonke le nkxwaleko emhleleyo. Yaseso isihlobo ke seza sivela kowaso umzi, inguElifazi waseTeman, uBhildadi waseShuwa, noZofare waseNama. Zazivumelene ngento yokuba ziye kumkhuza uYobi, zimthuthuzele.

12. Ke kaloku zathi zisemgama zambona uYobi, phofu ke azamazi. Kambe ke zathi zakumqonda zangqukruleka zalila, zakrazula iminweba yazo, zizigalela ngothuli entloko, ziphosa uthuli emoyeni.

13. Ke kaloku zahlala naye apho phantsi iintsuku ezisixhenxe nobusuku bazo kungekho nasinye sithetha naye, kuba zazibona ukuba umva-ndedwa wakhe mkhulu gqitha.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 2