Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 19:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Yena uyivalile indlela yam ukuze ndingabi nakugqitha.Iindlela zam uzithe zinzi ngobumnyama.

9. Yena undihlube iwonga lam,wandihlutha naloo ntshinga bendinayo.

10. Undidilize macal' onke, ndee shwaka,walincothula njengomthi ithemba lam.

11. Ingqumbo yakhe uyijolise kum;undiphethe njengolona tshaba lwakhe.

12. Undikhuphele umkhosi wakhe;undimbela izikanisi zokundihlasela;ujikeleza umzi wam.

13. Unditsho ndabalekwa nangabantakwethu;xa kungokunje nezihlobo zam ezi zihambela phaya!

14. Okwakuzizalamane zam zindishiyile,ngokunjalo nabazalana nam bandilibele.

15. Abo babeziindwendwe zam abasandikhumbuli,nezicakazana zam azisandazele nto,sendithathwa njengowasemzini.

16. Ndakusibiza isicaka sam, asisabeli nokusabela oku,nditsho nokuba ndiyasicenga.

17. Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.

18. Sendidelwe nangabantwana aba bembala;bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.

19. Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;ukanti nâbo ndibathandayo bandivukele.

20. Izihlunu zam sezithe nca emathanjeni,nolusu lwam sendilonwaya ngamazinyo.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 19