Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 19:5-16 Ibhayibhile (XHO96)

5. Eyona nto ngoku niyandivuyelela;kuni ezi nkathazo zam zibonisa ubutyala bam.

6. Anisaboni ke nina ukuba nguThixo lo undifake kule ngxingwa?Ewe kaloku, nguye ondigubungele ngomnatha.

7. “Ndiba ngakhwaza ndisithi: ‘Ugonyamelo!’andifumani nokuhoywa oku!Futhi ndibe ngazibika,akukho bani undilamlelayo!

8. Yena uyivalile indlela yam ukuze ndingabi nakugqitha.Iindlela zam uzithe zinzi ngobumnyama.

9. Yena undihlube iwonga lam,wandihlutha naloo ntshinga bendinayo.

10. Undidilize macal' onke, ndee shwaka,walincothula njengomthi ithemba lam.

11. Ingqumbo yakhe uyijolise kum;undiphethe njengolona tshaba lwakhe.

12. Undikhuphele umkhosi wakhe;undimbela izikanisi zokundihlasela;ujikeleza umzi wam.

13. Unditsho ndabalekwa nangabantakwethu;xa kungokunje nezihlobo zam ezi zihambela phaya!

14. Okwakuzizalamane zam zindishiyile,ngokunjalo nabazalana nam bandilibele.

15. Abo babeziindwendwe zam abasandikhumbuli,nezicakazana zam azisandazele nto,sendithathwa njengowasemzini.

16. Ndakusibiza isicaka sam, asisabeli nokusabela oku,nditsho nokuba ndiyasicenga.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 19