Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 19:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.

18. Sendidelwe nangabantwana aba bembala;bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.

19. Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;ukanti nâbo ndibathandayo bandivukele.

20. Izihlunu zam sezithe nca emathanjeni,nolusu lwam sendilonwaya ngamazinyo.

21. “Hoyina! Hoyina, balingane bam; khanibe nebuya-mbo!Kaloku sisandla sikaThixo esi sindenze ndanje!

22. Ngani ukuba nani ninditshutshise njengoThixo?Hayi kaloku, noko ngoku sekwanele!

23. Akwaba ebekho owabhalayo la mazwi am;akwaba ebeshicilelwe encwadini!

24. Ngenene akwaba la mazwi ebekrolwe elityeni ngentsimbi ebukhali nangelothe,khon' ukuze ahlale ehleli nanini nanini!

25. Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 19