Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 18:10-21 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kaloku sibekelwe isabatha emhlabeni,sacutshelwa unoxhaka endleleni yaso.

11. Lo mntu urhwaqeliswa zizoyikiso ngeenxa zonke;zimthe mbende zimpheka zimophula.

12. Inkxwaleko imlambele;uhlala ezingelwa sisithwakumbe.

13. Uthiwe mome sisifo esilenceza ulusu lwakhe;ewe, kanye izibulo lokufa limgrenya amalungu omzimba.

14. Woqwengelwa apho kwelo nqugwala liyinqaba yakhe,suka ukufa kumqweqwedisele kwikumkani yezoyikiso.

15. Akukho nto iyeyakhe iya kusala kwelo nqugwala lakhe;kaloku isulfure evuthayo iya kusasazeka phezu kwalo.

16. Phants' apha iingcambu zakhe ziya koma,kanti ke wona amasebe akhe atshaze phezulu phaya.

17. Udumo lwakhe luya kutshitsha elizweni,negama lakhe lilibaleke ehlabathini.

18. Wogxothwa kweli lizwe lokukhanya, akhatshelwe ebumnyameni;ewe, uya kunikw' uphum' aphele kwelimiweyo.

19. Akayi kushiya mlibo nanzala phakathi kwamawabo;ngenene akayi kushiya nempunde le kwelakowabo.

20. Abasentshona bothi bakuyiva le ntlekele bakhamnqe;kanti ke abasempuma bothi bakuva ngesi sibetho batsho babamb' ongezantsi!

21. Kuya kuba njalo ke kwindlu yesikhohlakali.Ewe, injalo indawo yongamkhathalelanga uThixo!”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 18