Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 15:18-35 Ibhayibhile (XHO96)

18. Nditsho ezo zaxelwayo zizilumkonjengoko zona zingafihlelwanga ngamanyange.

19. Kaloku wona eli lizwe alinikwa laba lelawo odwakungekho maveza-ndlebe.

20. Isikhohlakali sihlala sibhinyalaza singcungcutheka yonke imihla yaso;ewe, bunjalo ke bonke ubomi bomntu ongqwabalala!

21. Kaloku sisoloko sisothuswa yingxolo esezindlebeni zaso;size sihlaselwe xa sizicingela ukuba sikhuselekile.

22. Asinathemba lakuphuncula ebumnyamenikuba sihleli silindelwe likrele.

23. Kaloku lo mntu usesichengeni sokuba kukutya kwamaxhalanga;uqonda kakuhle ukuba yintshabalalo ngaphambili.

24. Usuka onganyelwe yinkxwaleko nomva-ndedwa,kanye oku kokumkani esiya kuhlasela.

25. Kaloku yena usolulele kuThixo isandla sakhe,wazenza igorha kuSomandla,

26. emhlasela engakhathalele,ephethe elo khaka lakhe elingqingqwa.

27. “Noxa ubuso bakhe bugutyungelwe ngamanqatha,nemihlubulo yakhe ivuthelene kukutyeba,

28. izixeko zakhe ziya kuba ngamanxuwa;indlu yakhe ilil' ibhungane;ngokukhawuleza iza kuba ngamabhodlo nje.

29. Ewe, uya kuphelelwa kukuba sisityebi, ize nendyebo yakhe ibhange,nditsho nenzuzo yakhe ingabi sabakho kulo lonke ilizwe.

30. Akayi kubuphepha ubumnyama bokufa.Ihlumelo lakhe liya kurhawulwa lilangatye,amazwi akhe aphephetheke nomoya.

31. Makangazikhohlisi aqamele ngamampunge,kuba inzuzo yakhe iya kuba lilize.

32. Uya kutshazwa phambi kwexesha,amagqabi angaze abe luhlaza.

33. Uya kufana nomdiliya ovuthuluke iziqhamo ziseluhlaza,nqwa nomnquma ovuthuluke iintyatyambo.

34. Lonke elo qela labangamnquliyo uThixo aliyi kuba nanto,nemizi yabo eyakhiwe ngezinyobo iya kuvuthululwa ngumlilo.

35. Kaloku bakhawula ububi, bazale uqhushululu,inzala yabo ibe yinkohliso.”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 15