Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 14:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. Uvela njengentyatyambo, akhawuleze abune;uthi tshe oku kwesithunzi, aphel' emehlweni.

3. Uthi onjalo ke ungamgqala,ude ume naye enkundleni umgwebe?

4. Ngaba ukhona na ongakhupha into ehlambulukileyo kwengahlambulukanga?Unotshe, akukho namnye!

5. Kaloku imihla yakhe seyimisiwe,nenani leenyanga zakhe liyaziwa nguwe;kananjalo ke ummisele umda angenakuwutsiba.

6. Somyeka, ungabi samjonga,akhe aphumle njengomqeshwa ogqibe umsebenzi wemini.

7. “Umthi xa ugawuliwe lisekhona ithemba ngawo;awunakufa kuphele, usenokubuya uhlume amagqabi.

8. Noba ingakhula ibe ndala ingcambu yawo emhlabeninesiphunzi sawo sife apho simile khona,

9. uthi nje ukuba ukhe wasezela ukunyepha kwamanzi,utsho uhlume, uvelise amasebe njengegatyana lomthi.

10. Ukanti ke yena umntu uyafa, iphel' intw' ibithethwa.Ewe, uyafa aphel' emehlweni.

11. Njengokuba amanzi echibi ephela, namanzi omlambo esitsha ome;

12. nomntu ke unjalo, ulala phantsi angabuyi avuke.Ibe ke soze aphinde avuke,okanye ashukunyiswe kobo buthongo bakhe,ade amazulu angabi sabikho.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 14