Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 11:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uZofare waseNama waphendula wathi:

2. “Uthi kungathi cwaka, ingaphendulwa le nyambalala yamazwi akho?Ucinga ukuba ukulavuza okunje kungamthethelela umntu?

3. Uthi oku kubhobhoza kwakho kuya kusenza sithi cwaka?Uthi wena ngoku uphoxisa thina masikuyeke singakuphoxi?

4. Andithi na kaloku wena uthi imfundiso yakho imsulwa,nawe ngokwakho awunabala phambi koThixo?

5. Awu, akwaba uThixo ebengadandulukayo athethe nawe,

6. akhe akubonise iingontsi-ngontsi zobulumko!Kuba kambe kunzulu ukwazi kwakhe!Yiqonde into yokuba esi sohlwayo akunike sona uThixosiyalaba-laba kubutyala bakho.

7. “Uthi ungahle uziqonde iingontsi-ngontsi zobunzulu bukaThixo,ngokunjalo nobungakanani bamandla kaSomandla?

8. Hayi bo, úngaphaya kwakho, namazulu uwakrobele!Ewe, yena ubona nelabafileyo, ube ke wena awazi nto!

9. UThixo ulivelele ihlabathi,kanti ke ulukrobele nolwandle!

10. Ukuba ke usuka akubambe edlula,aze akuse ematyaleni,ngubani ongamnqandayo?

11. Kaloku yena uyabazi oongantweni;ke, xa ebona ububi ùthi makangenzi nto?

12. Ke zona iziyatha zoza zibe nengqondomhla iqwarha lazala umntu!

funda isahluko epheleleyo Uyobi 11