Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 10:5-18 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngaba imihla yakho ifana neyomntu?Ngaba iminyaka yakho ifana neyakhe na?

6. Ngani ke ukuba ugqogqe iziphoso zam,uzingelane nesono sam?

7. Kaloku uyazi ukuba andinatyala,ibe ke futhi uyazi ukuba akekho ongandihlangulayo esandleni sakho.

8. “ ‘Ndenziwa nguwe nje, ndabunjwa zizandla zakho,ngaba ngoku uza kujika unditshabalalise?

9. Khumbula kaloku ukuba wandibumba njengodongwe!Ngaba ke ngoku uza kundivuthulula ndibe luthuli?

10. Andithi na kaloku wandithulula njengobisi,ndaza ke ndakhanywa njengengqaka?

11. Kaloku wandibumba ngamathambo nemisipha,wandinxibisa inyama, wandambathisa ufele.

12. Wandinika ubomi, wandambesa ngezibele;undinonophele ke wandixhasa.

13. “ ‘Kambe ke zonke ezi zinto undifihlele,kuba le ibiyinjongo yakho kakade.

14. Kaloku wena ube ugade ukuba ndoneukuze undigwebe ngenxa yesono sam.

15. Ukuba ke ndisisikhohlakali kunyembelekile kum!Kambe ke noba ndililungisa andinaqhayiya,kuba ndibandezelekile, ndambethwe lihlazo.

16. Noba ndingade ndiqholose wena ungandizingela njengengonyama,uphinde wenze kum ngokwaloo mandla akho amangalisayo.

17. Usoloko unamangqina andintywiliselayo,ibe ke nengqumbo yakho iyakhula ngakum,kuba uyaphindelela ukundihlasela.

18. “ ‘Kwakutheni ukuze undiyeke ndizalwe?Awu! Akwaba ndandife ndingekalanywa naliliso eli!

funda isahluko epheleleyo Uyobi 10