Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 10:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ewe, ndiya kuthetha naye ndithi:‘Ngani ukuba undigwebe, Thixo?Hayi kaloku, ndazise ityala kuqala.

3. Ikunceda ntoni wena ingcinezelo enje,ukutshabalalisa umsebenzi wezandla zakho,uze uthelele amacebo ezikhohlakali?

4. Ngaba amehlo akho afana nawabantu na?Ngaba nawe ubona njengomntu?

5. Ngaba imihla yakho ifana neyomntu?Ngaba iminyaka yakho ifana neyakhe na?

6. Ngani ke ukuba ugqogqe iziphoso zam,uzingelane nesono sam?

7. Kaloku uyazi ukuba andinatyala,ibe ke futhi uyazi ukuba akekho ongandihlangulayo esandleni sakho.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 10