Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 10:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ukuba ke ndisisikhohlakali kunyembelekile kum!Kambe ke noba ndililungisa andinaqhayiya,kuba ndibandezelekile, ndambethwe lihlazo.

16. Noba ndingade ndiqholose wena ungandizingela njengengonyama,uphinde wenze kum ngokwaloo mandla akho amangalisayo.

17. Usoloko unamangqina andintywiliselayo,ibe ke nengqumbo yakho iyakhula ngakum,kuba uyaphindelela ukundihlasela.

18. “ ‘Kwakutheni ukuze undiyeke ndizalwe?Awu! Akwaba ndandife ndingekalanywa naliliso eli!

19. Ngoku ngendifana nongazange abekho,kuba ngendavela nje ndasiwa engcwabeni.

20. Ewe, bufutshane kambe ubomi bam!Hayi khona, khawundiyeke ndikhe ndiphumle kancinane!

funda isahluko epheleleyo Uyobi 10