Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 10:12-21 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wandinika ubomi, wandambesa ngezibele;undinonophele ke wandixhasa.

13. “ ‘Kambe ke zonke ezi zinto undifihlele,kuba le ibiyinjongo yakho kakade.

14. Kaloku wena ube ugade ukuba ndoneukuze undigwebe ngenxa yesono sam.

15. Ukuba ke ndisisikhohlakali kunyembelekile kum!Kambe ke noba ndililungisa andinaqhayiya,kuba ndibandezelekile, ndambethwe lihlazo.

16. Noba ndingade ndiqholose wena ungandizingela njengengonyama,uphinde wenze kum ngokwaloo mandla akho amangalisayo.

17. Usoloko unamangqina andintywiliselayo,ibe ke nengqumbo yakho iyakhula ngakum,kuba uyaphindelela ukundihlasela.

18. “ ‘Kwakutheni ukuze undiyeke ndizalwe?Awu! Akwaba ndandife ndingekalanywa naliliso eli!

19. Ngoku ngendifana nongazange abekho,kuba ngendavela nje ndasiwa engcwabeni.

20. Ewe, bufutshane kambe ubomi bam!Hayi khona, khawundiyeke ndikhe ndiphumle kancinane!

21. Kaloku ngoku ndiyahamba,ibe ke soze ndibuye;ndiya kwilizwe lethunzi nobumnyama.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 10