Wawufunda ukusukela kusasa kwada kwasemin' emaqanda, emile ejonge apho ebaleni phambi kweSango laManzi, esiva amadoda, abafazi, nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo. Bonke ke abo bantu bayiphulaphula ngomdla loo ncwadi yomthetho yayifundwa.