Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:62-73 Ibhayibhile (XHO96)

62. inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642

63. Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)

64. Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.

65. Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.

66. Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo: amaSirayeli ewonke 42 360

67. izicaka nezicakazana 7 337 iimvumi neemvumikazi 245

68. amahashe 736 iimeyile 245

69. iinkamela 435 iidonki 6 720

70. Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:Umlawuli: iikhilogram zegolide 8 izitya zokutshiza 50 izambatho zababingeleli 530

71. Iintloko zezindlu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 1 250

72. Abanye abantu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 140 izambatho zababingeleli 67

73. Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7